Yonwabela uhlobo phandle nathi!

Last updated: Nov 06, 2019

Uhlobo lufikile nemozulu iyavuma phandle! Lixesha elihle loba ukhe uphume endlini ubuke ubuhle bendalo esinabo apha eMzantsi. Kuninzi ongakwenza; uqala ekuqubheni, ubukele imidlalo, ubuke ulwandle, uqabele amahashe kunye nobunye ubumnandi. Yiza ungaphoswa!


1. Springholm

Ubuhle balendawo bungu mmangaliso. iSpringholm isecaleni kwe dama kwintlambo yase Blue Crane Nature Reserve. Izindlu zendwendwe zinezinto zonke ezidingekayo usukela kwigumbi lokulala, ukuya kumakhitshi amatsha apho uzokwazi ukupheka ukutya okumnandi, igumbi lokuphumla eline sofa ezintomfo ntomfo kunye nendawo apho unokubasa kuyo umlilo kuthi gunqu ngaphakathi ube uhleli wonwabile nabantu obathandayo. Yiza uzokonwaba eSpringholm, uvukele kumbono omhle wedama.



2. Little Switzerland Resort

Yiza uzozophola kumagumbi ase Little Switzerland Resort olala, ubuke ubuhle bendalo yendawo engqungwe nje lihlathi. Ulala uphinde uvukele kubuhle obungummangaliso. Kukho indawo apho amandwendwe angathenga kuyo ukutya, indawo yophunga nendawo yesidlo kunye nendawo apho abaqhubi benqwelo banga galela amafutha.



3. Gooderson Monks Cowl Golf Resort

iGooderson Monks isembindini waseDrakensberg, esingumgama ozi yure ezine usuka eRhawutini okanya iyure ezimbini ezinesiqingatha usuka eThekwini. iHotele inamagumbi amashumi amane anesine, unintsi lwawo ajonge idama okanye intaba. eGooderson Monks Cowl Golf Resort ungafumana indawo yokudlala igalufa, igumbi lengqungquthela, indawo yokuzinononga, indawo yemitshato kunye nendawo zabantwana zodlala. Indwendwe ezitshatela eGooderson Monks siye siziphe isipho apho umtshakazi nomyeni baye bafumane indawo yokulala ehonjisiweyo kakuhle mahala ngobusuku bomtshato. Naxa nizokubhiyozela isikhumbuzo somtshato wenu, siye sibenesipho apho sinika isibini ubusuku obubini indawo yolala mahala.



4. Berghaven Cottages

iBerghaven ifumaneka Champagne Valley, umgama oyi 25km usuka eWinterton. Kukho amagumbi alithoba, alala abantu ababini ukuya kubantu abathandathu. Onke amagumbi anezifudumezi kunye nezixhobo zopheka. Kukho neendawo zokoja inyama kunye nomabona kude.



5. Sani Valley Lodge

iSani Valley Lodge iziyure ezimbini ukusuka eThekwini. Izindlu zingalala abantu ababini ukuya kubantu abane. Izindlu zolala zakhiwe kufuphi nechibi, apho ungabona khona izilwanyana zasendle kunye neentaka ezahlukeneyo. Indawo yokuloba ikufuphi kakhulu kwindlu olala kuyo. Zininzi izinto zokwenza, ungazipholela kwi Jacuzzi, okanye okhwele ihashe okanye uqabele intaba.



6. AfriCamps at Gowan Valley

Yiza eAfriCamps at Gowan Valley uzobona ubuhle nobuncwane base Mzantsi Afrika, apho uzolala kwiintente ezikwinqanaba eliphezulu. Iintente zinekamera ezimbini ezinebhedi ezanele abantu abahlanu. Intente nganye inegumbi lokuhlambela, ikhitshi, igumbi lokutyela, kunye ne splash pool. AfriCamps ilungele usapho apho nizokwazi ukwenza izinto ezinje ngokuloba iintlanzi, niqabele iintaba okanye nipheke phandle.



7. Mseni Lodge

iMseni Lodge iyimizuzu emihlanu ukusuka eSodwana Bay. Kwelinye icala leMseni Lodge kukho ulwandle, kwelinye icala kukho ihlathi. Indawo yokutya kunye nendawo yeziselo iyafumaneka eMseni Lodge. Amagumbi olala esinawo alishumi elinesithandathu. Amagumbi acocwa qho kwaye anezinto zophunga.



8. Zingela Safari and River Company

iZingela Safari and River Company ikufuphi ne Tugela River, apho kudingeka i4x4 okanye imoto ephakamileyo. Indlela ye tar ikude kakhulu, malunga nomgama ongange 30km's ukufika eZingela Safari and River Company. Indawo zohlala okanye ezolala zohluka-hlukene; kukho iintente (nawe ungaziphathela eyakho), indawo apho iindwendwe ziziphekela khona kunye nendawo apho thina siziphekhelayo indwendwe zethu. Noba uzele ukuzokonwaba okanye uzele umsebenzi okanye iingqungquthela, thina eZingela Safari and River Company sizoqinisekisa ukuba uphetheke kakuhle.



9. Bayala Private Safari Lodge and Camp

iBayala Private Safari Lodge and Camp iziyure ezintathu ukusuka kwisikhululo senqwelomoya iKing Shaka. iBayala ingaphakathi kwendawo yangasese yokulondoloza izilwanyana (Big 5), apho isifo umalaleveva singekhoyo. Iingonyama, indlovu, ingwe, inyathi, nezinye izilwanyana ziyabonwa kwimoto ezivulekileyo. Yiza uzokubona wonwabele ukhenketho kwilali zakwa Zulu. Kuninzi onokwenza xa utyelele eBayala



Have a look at all the featured properties in our newsletter here: Enjoy the great outdoors this summer!